01 kuCanzibe 2024
NguLulama kaSozathini
Ukusebenza ngesiquphe kwamapolisa eli kukhokelele ekubanjweni komrhanelwa emva kokudutyulwa kubulawe uSihlalo wombutho weeTekisi kumbindi Pitoli ngoLwesbini ebusuku. Lo mrhanelwa nominyaka ingamashumi amathathu ubanjwe ngesiquphe kanye emva kodubulo olo, kwaye ufunyanwe enompu ekukholelwa ukuba nguwo osetyenziswe ngexesha bekugwinta lo notekisi.
Ingxelo iqhuba ithi iqela lamapolisa aqwalasela ukhuseleko kwimizila kaloliwe athe ngexesha esedyokhweni ava iizithonga zompu ekukhokelele ekubeni alande ekhondweni. Ekufikeni kwamapolisa kwindawo leyo, afumene indoda ebiphethe umkhono wekati ibaleka ukusinga kumbindi dolophu.
Amapolisa azamile ukuyimisa lendoda suka yaphendula ngokuqhumisa irhuluwa, kanti izinqikele olunembovane nanjengoko baye baphindisa abakwantsasana yaze yachanwa yangxwelerheka. Lo mrhanelwa uye wabanjwa elimele enjalo, kulindeleke ukuba avele enkundleni yamatyala emveni kokunyangwa amanxeba okudutyulwa.
@icamagulive