11 eyoKwindla 2024
Inkundla ephakamileyo yaseMakhanda igwebe izikrelemnqa ezintathu kwezine, zemiguvela yababulali abangenalusini emveni kokubulala uNkosikazi uZoleka Gantana owayeminyaka ingamashumi amahlanu anesixhenxe (57) kunye nomncedisi wakhe uNkosazana Kholosa Mpunga owaye eminyaka ingamashumi amabini anesixhenxe (27) ngeyeKhala kunyaka ka 2023.
uMandla Qosho 46, uSiyanda Makaleni 45, no Sgagela Mgwatyu 53, bawavumile onke amatyala abatyatyekwe wona kuquka ukubamba inkunzi ngomkhono wekati, amatyala amabini okuxhwila, amatyala amabini okudlwengula nokubulala, ukuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni. Omnye wabarhanelwa uThemba Dingela ominyaka ingamashumi amahlanu (50) owavalelwa kwakunye nesi sithathu khange awavume amatyala kwaye ityala lakhe limiselwe umhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpunzi walonyaka.
Ubungqina obuthiwe thaca phambi kwenkudla bakhomba ukuba ngomhla wesibhozo kweyeKhayala ku2023, umama uZoleka Gantana kunye nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga baye baxhwilwa kwivenkile yeli nina eseNcerha eMonti nalapho kwakhankanywa ukuba abarhanelwa baphela emehlweni nesigadla sikamama uGantana. Emveni kokuba bexhwiliwe bavalelwa kwityotyombe elikwifama ekufutshane eNgqushwa. Inkudla ikwaxelelwe ukuba elinye lamaxhoba laye lamnakana omnye umrhanelwa nekwakhokelela ekubeni ezi zigebenga zithathe isigqibo sokuba cima igama. La manina adlwengulwa phambi kokuba imizimba yawo itshiswe yaze yenziwa izicuku yayolahlwa kumlambo okufutshane nendawo leyo yexhwayela.
UQosho ugwetywe ubomi entolongweni, uMakaleni wagwetywa iminyaka elishumi elinesihlanu (15), ngeli lixa uMgwatyu egwetywe iminyaka engamashumi amabini (20) ethothoza entolongweni.
Ukanti amapolisa ephondo i-Mpuma-Kapa asamnkele esi sigwebo uMkomishanala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uncome umsebenzi omhle owenziwe ligqiza ebeliphanda elityala.