Ngumbhaleli wethu
Ekugqibeleni ide yavulwa irenki yetekisi yaseBuhlanti eMonti. Le renki inikezelwe nguSodolophu wesixeko saseBuffalo City Uceba Princess Faku emva kwethuba elide isakhiwa. Le renki iza kusetyenziswa zitekisi zaseTsholomnqa, eNcerha kunye neziphaluka. Isithethi sombutho wonotekisi kwiphondo uMnu Gabs Mtshala uthe onotekisi banoxanduva lokuyigcina le renki icocekile kwaye bazakuqinisekisa ukuba ayonakaliswa kwaye bonke abophula umthetho bayakuhlawuliswa umdliwo. Asinako ukuyinyamezela eyokonakaliswa kwakunye nokungcoliswa kwale renki “Utshilo okaMtshala.
Le renki intsha inezindlu zangasese, indawo zokuphekela ezintlanu, indawo yokumisa iitekisi, iindawo zokugcina iimithwalo kwanendawo zokuthengisa ezingamshumi amabini anesibini. Kwabanye kudale umbhodamo ukuvulwa kwale renki nanjengoko kungekacaci ncam ukwabiwa kweendawo zokulayisha abantu ngokwengingqi zabo. Omnye wabakhweli uMnu Mboneli Mcilongo uthi “ndiye ndalahleka xa ndifika apha kuba akucaci ukuba kanye kanye zimaphi itekisi zelali yam. Kuvele kwabhidwa kwa abaqhubi abalapha beetekisi, ndiyathemba ukuba bazakuyilungisa lonto”.
Umthengisi kulerenki uNkosikazi Nobuntu Mafanya uncome umsebenzi omhle kaMasipala ngeli lixa abanye abathengisi bekhalaza ngokungafumani ndawo apho bazakuthengisela khona iizinto zabo. Ukanti abanye bakhalaze ngelithi ukuvulwa kwakho kwale renki kubasuse kwindawo ebesele beyeqhelile ngenxa yokuba inabantu abaliqela ngoku bazokubekwa kwakhona kwindawo esekhusini nezakudala ilahleko kumashishini abo.
Usodolophu uFaku ucele oonotekisi ukuba bayigcine le renki icocekile kwaye intle ikulemeko bayifumene ikuyo. Sicela ukuba nibambisane nesixeko esi sethu ekugcineni idolophu yethu icocekile, sikwanibulela ngokusinyamezela ngexesha apho bekusakhiwa le renki “utshilo okaFaku.
Umthombo: BCMM; Ingxelo eyongezelweyo: @icamagunews