28 uCanzibe 2024
NguSisanda Jack
Umbutho iEconomic Freedom Fighters eMpuma-Kapa uyavutha ngumsindo emva kwesigqibo sedyunivesiti iWalter Sisulu sokuvala eliziko lemfundo ngenxa yoqhankqalazo olugqubayo lwabafundi.
IEFF ithi isigqibo saledyunivesiti siyakrokrisa kwaye sifana nqwa nemikhuba eyayisetyenziswa nguRhulumente wocalucalulo nalapho ilungelo labafundi lalinyhashwa ziingqonyela zeedyunivesiti ekubeni bangavakalisi izikhalazo zabo. Lombutho uthi nangona nje ungafuni ukubonakala njengophazamisa indlela yokusebenza kuledyunivesiti kodwa yona eyokuvalwa kweliziko abasayi kuze batye tyum ngayo ingakumbi sele kusondele usuku lonyulo.
iEFF ithi isigqibo esikumila kunje sichaza ukuba nentamo elukhuni kwebhunga lale dyunivesiti kwanokungaseki inkqubo yentando yesininzi kweli. Iyakhwanqisa indlela ledyunivesiti eyenza ngayo kwaye igxile ekuvaleni umlomo abafundi ukuze bangavakalisi izikhalazo zabo ngakumakhwiniba eli ziko “baqhube batsho abeEFF.
Ukanti kuvakala ukuba inxalenye yabafundi beliziko babhalisele ukuvota kwikhampasi leyo ngoko ukuvalwa kwayo kubahlutha ilungelo labo lokuthatha inxaxheba kulonyulo nanjengoko ukuvalwa kweli ziko kutsho ukubuyela emakhayeni wabo.
IEFF ityityimbisele umnwe ledyunivesiti yatsho isithi mayisirhoxise isigqibo okanye ilindele ukuthathelwa amanyathelo asemthethweni ngulombutho.
@icamagunews