31 kuCanzibe 2024
NguLulama Mpahla, Okuhle Molose noThembekile Totana
Inkokheli yombutho uMkhonto Wesizwe kwiphondo iMpuma Kapa uMnu Mawande Ndakisa uthi abantu abaphumanga njengoko bekulindelekile ukuya kuvota. Le nkokheli kudliwano ndlebe nesikhululo iCamagu Radio ithe nangona zenziwe iinzame zokuzama ukugaya abantu ekubeni bathathe inxaxheba kunyulo lwalonyaka ezo nzame aziphumanga naziqhamo zintle. Le nkokheli iqhube yathi noko kunjalo kusezakuphawulwa ngokugcweleyo ngoku.
Ngokunxulumene namanani ephondo uMkhonto Wesizwe sele ufumene iivoti ezingaphaya kwamawaka alishumi elinesibhozo (18 018) ephawula ngoku okaNdakisa uthe kuzomele kukhunjulwe ukuba uMkhonto Wesizwe liqela elitsha elisakhulayo nelisazokwenza okukhulu kubemi beli loMzantsi Afrika. Amanani akhoyo ngoku anele ukunika eliqela amandla okuqhubekeka lisenza okuhle kwanokuququzelela abantu ukuba babengamalungu eliqela.
Ukanti ezinye iziphumo ephondweni zihamba ngoluhlobo (ngokwamanani abavoti)
Ephondweni:
UMBUTHO | AMANANI ABAVOTI |
African National Congress (ANC) | 809 156 |
Democratic Alliance (DA) | 155 298 |
Economic Freedom Fighters (EFF) | 123 419 |
United Democratic Movement (UDM) | 46 938 |
Patriotic Aliiance (PA) | 25 883 |
African Transformation Movement (ATM) | 19 343 |
Umkhonto Wesizwe (MK) | 18 018 |
Ukanti ukuza kuthi ga ngoku kungaphezu kwamashumi asixhenxe anesixhenxe ekhulwini (77,36 %) iivoti esele sifakiwe. Ukanti inani Labantu abavotileyo kungaphezu kwesigidi namawaka angamakhulu amabini (R1 242 568).
Jikelele
UMBUTHO | AMANANI ABAVOTI |
African National Congress (ANC) | 4 136 435 |
Democratic Alliance (DA) | 2 234 773 |
Umkhonto Wesizwe (MK) | 1 203 674 |
Economic Freedom Fighters (EFF) | 940 187 |
Inkatha Freedom Party (IFP) | 306 232 |
Patriotic Aliiance (PA) | 251 165 |
Ukanti ukuza kuthiga ngoku kungaphezu kwamashumi asixhenxe anesixhenxe ekhulwini (68,86 %) iivoti esele sifakiwe. Ukanti inani Labantu abavotileyo kungaphezu kwesigidi namawaka angamakhulu amabini (R9 901 007).