Umbutho iAfrican National Congress (ANC) kwiphondo iMpuma Kapa ububambe intlanganiso yawo yekomiti eyongezelelweyo eMonti ngoLwesithathu, nalapho ubushukuxa imiba eliqela kuquka iziphumo zonyulo. Amanina alombutho, ulutsha, omakade ebona, namagqala oMkhonto Wesizwe nawo ebemelwe kulentlanganiso.
Le ntlanganiso ibikwaquka amahlakani alombutho kunxantathu iCongress of South African Trade Unions (COSATU), iSouth African Communists Party (SACP) kunye neSouth African Civic Organization (SANCO). IANC ithe eyona njongo iphambili yalomhlangano kukuqwalase indlela lombutho oqhube ngayo kulonyulo lwa kutshanje, kwanokunika umkhomba ndlela ngokuza kulandelwa leliqela ukubheka phambili.
IANC kweliphondo ithe yenza umbulelo ongazenzisiyo kubemi balo abaphume ngoninzi ukuya kuyivotela kwakhona. Oku kuchaza mhlophe ukuba abantu bephondo bawunika ingqalelo umsebenzi owenziwe ngulombutho kurhulumente “batshilo abe ANC.
Le komiti ithe sele iwafakile kundlukulu wayo amagama abagqatswa abo balungele ukuchongwa kwe sobunkulumbuso bephondo. Nanga lamagama:
 1. UMnu Lubabalo Oscar Mabuyane (Oyinkulumbuso esezintanjeni ngoku)
 2. UNkosikazi Helen Sauls- August (Osisithethi sendlu yowiso mthetho kwiphondo)
 3. UNkosikazi Siphokazi Mani- Lusithi (Wezokuhlaliswa koluntu)
Ukanti ngokwalekomiti bekulindeleke ukuba uMphathiswa wezempilo kwiphondo UNkosikazi Nomakhosazana Meth abe yinxalenye yalamagama, kodwa ngenxa yokuba igama lakhe likwabo baya kwipalemente yesizwe kunyanzeleke ukuba akhutshwe.
IANC ikwalwamnkele inyathelo likarhulumente lokunceda amaxhoba ezikhukula zamva nje kwiphondo iMpuma-Kapa.
@icamaguonline2024