NguLulama kaSozathini
Ulahlile njengelungu lepalamente uZizi Kodwa, oku kuqulethwe kwincwadi ayibhalele unobhala wombutho iAfrican National Congress (ANC) ngomhla wamashumi amabini anesine kule yeKhala. Kule ncwadi uKodwa ubulele ithuba alinikwe ngumbutho ANC lokuba ngumthunywa kwipalamente yesizwe.
UKodwa ungaphandle ngebheyile yamawaka angamashumi amathathu kwityala lobuqhetseba nokwamnkela isinyobo. UKodwa kunye noJehan Mackay owayesakuba yingqonyela yenkampani eyaziwa ngeEOH batyholwa ngokwamnkela isinyobo se1.6 Milliyoni yeeRandi. Ezi zityholo zisemva kophando lweziniki maxabiso ezingaphezulu kwe 460 Milliyoni yeeRandi nezazinikwa inkampani iEOH Holdings nguMasipala wesixeko saseRhawutini ngomnyaka ka2016.
Ebutsheni baleveki lo kaKodwa kunye noMackay bavele phambi kwenkundla echophele amatyala akhethekileyo ePalm Ridge eRhawutini kwaye ityala labo limiselwe umhla wamashumi amabini kwinyanga yeThupha.