NguLulama kaSozathini
Iqela iEconomic Freedom Fighters eMpuma Kapa likhala ngokuphanza kwesebe lezothutho ephondweni ukuphucula ulawulo lwalo. Eli qela lithi isebe lezothutho nelikhokelwa nguMEC Xolile Nqatha sele kulithuba libonisa ukuswela amava okukwazi ukusombulula iingxaki ezijongene nezothutho kweli phondo.
Oku kusemva kwengxelo yophicotho zimali ethiwa thaca kwindlu yowiso mthetho yiOfisi yoMphicothi-zincwadi nalapho isebe liye lafumana ingxelo enegxeke kulawulo lwezimali zesebe. Le ngxelo ichaza ukungananzwa kwemithetho ejongene nenkcitho imali kwisebe, ukuhlawula ngokugqithisileyo, kwanokungahlawuli ababoneleli benkonzo ngethuba kunye nezinye.
iEFF ithi kutshanje iphondo lamiswa ngxi yimigushuzo yoonotekisi ngenxa yokungahlawulwa kwemali yobonelelo lothutho lwabantwana bezikolo, le migushuzo ngeyanqandwa ukuba isebe laye liwenze ngendlela encomekayo umsebenzi walo. Ukanti olu qhankqalazo lwamisa ngxi intshukumo kwiphondo nalapho abantu bengazange bakwazi ukuya emisebenzini nase zibhedlele. Abantwana abazange bakwazi ukuya ezikolweni ukanti kwama ngxi nokuhanjiswa kweenkonzo. Oku kudalwe lulawulo olugwenxa lwesebe eli “itshilo iEFF”
Eli qela liqhuba lithi lengxelo yomphicothi zincwadi ikwagxeke ukungabikho konxulumana olucacileyo phakathi kwamagosa esebe elo. Kucacile ukuba iphondo eli lilawulwa ngabantu abangenambono wokuphuhlisa iziseko ezingundoqo kunye nenkonzo yezothutho ekhuselekileyo.
@icamagunews