15 Tshazimpuzi 2024
Umbhali: Lulama KaSozathini
Umphathiswa wemfundo ephakamileyo uNjingalwazi Blade Nzimande uvakalise ukutyumba kwakhe uMnu Sithembiso Freeman Nomvalo njengomlawuli ozakukujongana nemiba yengxowa-mali yabafundi i-National Student Financial Aid Scheme (NSFAS) emva kokudiliza kwakhe ibhodi ebilawula esi sibonelelo.
Lo KaNomvalo unikwe uxanduva lokuthathela kuye ulawulo, ubungqonyela kunye nokuphatha lengxowa-mali iinyanga ezilishumi elinambini. Kulindeleke ukuba asombulule ingxaki edala ukuba kubekho ukungahlawulwa kwesibonelelo kubafundi ngethuba kwanokuqinisekisa ukuba iizicelo zika 2025 zilawulwa ngendlela efanelekileyo. UNomvalo unamava akhatshwa yiminyaka engamshumi amabini anesihlanu nalopho elishumi elinesixhenxe ayichithe ekusebenzeni kwinkonzo zikarhulumente nezabucala.
Ukanti ngokwayemene nokudilizwa kwebhodi yeNSFAS uNzimande uthe sele kulithuba ezama ukufumana isisombululo ngokubamba iingxoxo namalungu ebhodi awaguzuleyo kodwa zonke inzame zakhe zawa phantsi. Le bhodi ibijongene nemiceli mngeni emininzi kuquka ukutyunjwa kweenkampani ezisebenza nalebhodi ngaphandle kokulandela imiqathango emiselweyo, kungako ndiye ndayiguzula lebhodi ngomhla weshumi elinanye kuTshazimpuzi. – utshilo uNdzimande
Umphathiswa uthe ukudilizwa kwalebhodi akuzokuwuchaphazela umsebenzi wayo kuquqa neentlawulo ekufuneka zenziwe. Ukwathe isigqibo sokudiliza lebhodi khange sibelula kwaye uzivelele zonke iinkalo kuquka nomthelela wesigqibo sakhe kubasenzi balengxowa-mali. Lebhodi isezakugxila ekuqinisekiseni ukuba abafundi abasweleyo bayiyifumana kangangoko inkxaso kulengxowa-mali utyibele watsho uNzimande.