11 uCanzibe 2024
Mane amalungu osapho lwakwaNtshabase afunyenwe edunduluzile itshoba lilel’ umbethe kwikhaya labo eliseCisirha eNgqushwa. Ngokwengxelo kaMnu Petros Majola weKhula Development akufunyenwanga zimpawu ezibonisa ukugwetyengwa okanye umonzakalo. Lo kaMajola uthi kulindeleke iingxelo zoqhaqho mizimba oluzokwenziwa ngumzi wogcino zidumbu kaRhulumente eMonti.
Esi sine ngumama wekhaya obeminyaka ingamashumi amathandathu anesibini (62) intombi yakhe ebiminyaka ingamashumi mathathu anesihlanu (35) ubudala nabazukulwana ababini abiminyaka isixhenxe (7) nesibini (2) ngokulandelelana. Esi siganeko sehle ngoLwesithathu umhla wesibhozo kuCanzibe.
UNkosi Khawulela wamaBhele nowongamele lengingqi yesi sithwakumbe uthe uyibikele inkulumbuso yephondo uMnu Oscar Mabuyane kunye noMphathiswa wentlalontle ephondweni uNkosikazi Bukiwe Fanta kwaye ubabongozile ukuba bangenelele nanjengoko kungasekho mntu useleyo kwelikhaya.
UNkosi Khawulela uqhube wathi ezinye iincukacha ngokuzakubuya kwenziwe zizakulandela xa sele kudityinwe luluntu lwalelali.