NguNasiphi Mabusela
Abahlali bakwa Wadi 13 kumasipala ombhaxa wesixeko iBuffalo City, eMonti bakhala ngemeko eMaxongo abaphila phantsi kwayo. Aba bahlali bazinze ngaseHostel kwindawo yogobithyolo ebizwa ngokuba yiZakhele Squatter Camp, bakhala ngokungahoyeki xa besisa isikhalazo zabo kuSodolophu nakuMasipala. Eyona nto ingamandla kwizikhalazo zabo, kukungabi nazindlu zangasese nebathi kunyasha namalungelo abo.

Umhlali wale Hostele uMnu Simphiwe Dyantyi uthi yiminyaka mithathu benengxaki yezindlu zangasese meko leyo ibanyanzelisa ukuba basebenzise amabhakethi. Soyikisela impilo yabantwana bethu abazakufumana izifo ngenxa yesi simo “uqhube watsho uMnu Dyantyi.” Omnye umhlali uNkosikazi Xoliswa Vellem uthi sele kulithuba kufika abantu bathathe imfanekiso , bathembise ngoba bazokubancede kodwa baphele emoyeni.
Abahlali bathi bayile kwaMasipala uyokucela uncedo, kodwa abafumenanga nto inesihlahla. Iinzame zethu zokufumana isithethi sikaMasipala uMnu Samnkelo Ngwenya ziwe phantsi nanjengoko engakhange ayiphendule imiyalezo yethu. UCeba wendawo naye akafumanekanga ukuphawula.
@icamagunews