NguLulama kaSozathini
Igqiza lesipolisa ooKhetshe (Hawks) eEast Rand aRhawutini libambe amadoda amane asolwa ngokubulala ipolisa ngomhla wamashumi amabini kweyeKhala kulonyaka. Lamadoda abanjiweyo nguHloniphani Cebelenkosi Nala (28), Tshepo Hopewell Langa (28), Nduduzo Xaba (27), Mnelisi Nkosikhona Mbatha (28) kunye noNkosikhona Mbatha (28) kwaye bonke banqakulwe bavalelwa ngomvulo umhla wesibini kweyoMnga.
Ingxelo zithi kwinyanga yeKhala iqela lamadoda ayexhobe efohlele athi aphanga ivenkile yotywala yakwaShoprite kwindawo yoodederhu lweevenkile yaseGoldspot Shopping Centre eVosloorus. Emva kokufumana umbiko amapolisa aye agqala nqo kwindawo yesehlo nalapho ahlangatyezwa luthotho lweembumbumbulu ezachana zabulala ipolisa uConstable Siyabonga Zama Prince Thango.
Emva kophando olunzulu lwamapolisa kuye kwabanjwa aba barhanelwa bane. Ekubanjweni kwabo bafunyenwe nompu ongumbhaxa weR5. Lamadoda kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi Vosloorus ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoMqungu ku2025 emva kokumiswa kwetyala labo ngenxa yophando olusaqhubayo.
@icamagunews