Umfanekiso: WHO
NguLulama kaSozathini
Ngokwengxelo ekhutshwe ngumbutho wempilo kwihlabathi i-World Health Organization (WHO) liyanda inani labantu ababulawa sisifo sesibindi esaziwa ngeHepatitis ngolwasemzini. Esi sesinye sezifo ezidala ukubhubha kwabantu abaninzi kwihlabathi. Ngokwengxelo yalombutho bangaphaya kwe 1.3. million abantu ababhubhayo bebulawa sisifi sesibindi nyaka nanyaka oku kubeka isifo sesibindi kwindawo ebulingana kunye neso sephepha i-TB.
Uphando lubonisa ukuba kumazwe alikhulu elinamshumi asibhozo anesixhenxe (187) ukubhubha kwabantu ngenxa yesifo sesibindi kuye kwanyuka ukusuka kwi 1.1. Million ngonyaka u2009 ukuya ku 1.3. Million ngonyaka ka2002. I-WHO ithi oluphando luyaxhalabisa nanjengoko bembalwa abantu abaye babhaqwe kwangethuba ukuba bane sisifo itsho iNgqonyela yalombutho uGqirha Tedros Adhanom Ghebreyesus. Le ngqonyela ikwathe lombutho uzibophelele ekuxhaseni ukusetyenziswa kwezixhobo ngamazwe aliqela ezizakunceda ukuqaphela esi sifo kwangethuba.