Isube iimiphefumlo emihanu (5) ingozi yohlobo lwetekisi yeQuantum eyenzeke kuN2 ngaseKwelerha kude kufutshane neMonti. Le tekisi kukholelwa ukuba ibisendleleni evela eMonti isiya eKei Mouth. Ngokwesithethi sesebe lezeMpilo uMnu Sizwe Kuphelo balishumi elinesihlanu abantu abathe bonzakala kulengozi ngexesha umqhubi eye waphulukana nolawulo lwayo. Amagosa ohlangulo akwindawo yexhwayela. Abaziboneleyo bathi lengozi ibimasikizi kakhulu kwaye ngelixa kulindwe abezohlangulo abantu ebebelapho benze ngako konke abanakho ukuzama ukunyula abo bangxwelerhekileyo kubugoxo baletekisi, ukanti abasindileyo babalekiselwe kwizibhedlele ezikufutshane.