23 March 2025
Umbhaleli wethu
Umphathiswa wezothutho nokhuseleko loluntu eMpuma Kapa UMnu Xolile Nqatha ubhengeze ukuba urhulumente wenza konke okusemandleni akhe ukuqinisa ezokhuseleko eGqeberha. Esi sibhengezo siza emva kokuba ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibini kule yoKwindla kuphangwe amalungu eCawe eNew Brighton naseMotherwell. Ukanti kukwakho nesiganeko sodubulo phakathi kwamaqela oonqevu kwindawo yaseBethelsdorp.
Ngokwengxelo yamapolisa kuye kwanqakulwa kwavalelwa abarhanelwa ababini ngokoyamene neziganeko zokhuthuzo kwaze kwafunyanwa kubo imikhono yekati engekho mthethweni. Ukanti amapolisa asaphume iphulo ekhangela abarhanelwa kwisiganeko sodubulo. Umphathiswa uNqatha ukwavakalise ukwamnkela isigqibo sikarhulumente kazwelonke sokutyala igqiza lamakhulu anamashumi amahlanu (150) lesipolisa kwicandelo logcino-cwangco, abacuphi abalishumi elinesihlanu (15) kunye neenkcubabuchopho zobuqhophololo. Eli gqiza lizakutyalwa kwiindawo ezahlukeneyo kuMasipala iNelson Mandela.
Njengorhulumente waseMpuma-Kapa sifuna ukuqinisekisa bonke abahlali ukuba amaphulo ethu okulwa nobundlobongela aya esiba yimpumelelo, sifuna ukulumnkisa abophuli mthetho ukuba balumnke nanjengoko singazokunyamezela ukungcungcuthekiswa koluntu “utshilo okaNqatha.
@icamagunews