NguLulama kaSozathini
Irenki yaseGillwell eMonti ichazwa njengenye yendawo ezingcolileyo kwisixeko esimbaxa saseBuffalo City. Oku kwaye kwaphembelela uMasipala ukuba aqale iphulo lokuzama ukukhucula lendawo kwinyanga ezimbini ezidlulileyo.
Emva kokukruquka kwabaphathi beMall ngenxa yabantu abavele bantsontse naphi na ngaphandle kwesakhiwo soludederhu lweevenkile. Babone kubalulekile ukuba bakhele abantu abangamadoda indawo yokuchamela ukunqanda umkhuba wokutsabisa naphi ngaphandle kuleMall. Le ndawo yokutsabisa ibekwe Kanye phambi kweerenki yeeTekisi.
Uninzi luyibone iluncedo lendawo nanjengoko izindlu zangasese zithe qelele. Omnye wabathengisi kule irenki uMnu Xolani Soyizwaphi uthi “izindlu zangasese zingaphakathi kuleMall kwaye kufuneka urhume ukuze uzisebenzise. Lendawo yokutsabisa ilulutho kuthi, kuba sihleli sijongene namshishini wethu akutshane kumasango aleMall nekunzima ukuwashiya. Zisekhona kodwa izaphuselane ezimane zitsabisa naphi na kodwa sizijonge ngemehlo likantsho “uqhube watsho oka Soyizwaphi”.
Inzame zethu zokufumana izimvo zikaMasipala namagosa eMall zife namthanyana. Okwangoku le iseyindawo yokutsabisa kubantu abangotata. Ngoko ke ukuba ungakule Mall kwaye uyatshiseka nantsi indawo yokuntsontsa. Ahhh kuchanywa apha!!!.
@icamagunews