Kulindeleke ukuba umongameli uCyril Ramaphosa enze intetho yakhe yemibhiyozo yosuku lwamalungelo esintu eSharpville, phantsi komasipala waseSedibeng kwiphondo laseGauteng.
Umongameli uzakuqala ngokuyakubeka iinkatha kwindawo yesikhumbuzo somhla wase Sharpville aze emveni koko ayokwenza intetho yakhe kwibala leqakamba i-George Thabe. Ngomhla wamashumi amabini ananye kweyokwindla ngo1960 ngamashumi amathandathu anesithoba (69) amatshantliziyo omzabalazo athi adutyulwa abhubha ngamapolisa orhulumente wocalucalulo ngethuba ekumngcelele wombutho iPan Africanist Congress (PAC). Lomngcelele washiya iingxwelerha ezililkhulu linamashumi asibhozo (180). Amapolisa atyhola ngokuba isixuku eso sabantu saqala ngokuba xuluba ngamatye nekwadala ukuba aziphindezele. Ukanti emva kwenkululeko yeli ngomnyaka ka1994 urhulumente waye wabhengeza olusuku njengelizakubekwa bucala ukubhiyozela amalungelo oluntu.
Urhulumente uvakalise ukuba ukubhiyozela olu suku kulonyaka kuzakuhamba ncakasana nesikhumbuzo seminyaka engamashumi amathathu (30) yenkululeko. Kwaye i-ofisi kaMongameli ithe izakusebenzisa lenyanga yoKwindla ukuqwalsela indima esele ihanjwe ngurhulumente kuleminyaka yenkululeko.