Umbhaleli Wethu
Umfanekiso: Miss SA2024 uthunyelwe
Umsitho wokutyumba imbelukazi uMiss South Africa kweli uqukunjelwe ngokutyunjwa kukaMia Le Roux ominyaka ingamashumi amabini anesibhozo (28) waseKapa, njengoyena ogqwesileyo. Lo msitho ububanjelwe eSunbet Arena Square ePitoli ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
Impumelelo yalo ka Le Roux yenze imbali nanjengoko eye waba sisithulu sokuqala ezimbalini zolu khuphiswano ukuchongwa njengoyena mcondobi ugqwesileyo. Ukanti ke le mpumelelo yakhe imnika ithuba lokuthatha inxaxheba kukhuphiswano lukaMiss Universe 2024. ULe Roux uphumelele isigidi sonke seerandi kwakunye namaqithi-qithi aphuma kubaxhasi bolukhuphiswano
Ukanti lenzwakazi ilandelwa yimbelukazi yaseSoweto uNompumelelo Maduna ophume indawo yesibini. Ngethuba esenza intetho yakhe oka Le Roux uthe: “Ngentliziyo entle nekhululekileyo, ndiyalwamnkela uxanduva olukhulu lokuba nguMiss South Africa 2024. Liwonga kum elindenza ndigcwale ukuzingca nemibulelo, ndiziva ndichulumancile yintembeko eboniswe ngabemi beli kum.
“Ndiseyintombazanyana andizange ndacinga ukuba into enje ingandehlela. Inkulu kakhulu kwayo itsho ukuthi nokuba ukweyiphi na imeko amaphupho akho anako ukufezeka.
Ndineminyaka emibini ndancedwa luluntu ukuze ndikwazi ukufumana izixhobo zokuva nanjengoko iindlebe zam zaye zinengxaki. Ngoku lelam ithuba lokuba nam ndincede abantu”
@icamagunews