NguLulama kaSozathini
Umphathiswa wamapolisa uMnu Senzo Mchunu ekunye nesekela lakhe uMnu Cassel Mathale bathethe nonondaba ngomgqibelo emva kwesithwakumbe sokubulawa kwabantu abalishumi elinesixhenxe (17) eLusikisiki, eMpuma-Kapa. Le nkomfa nonondaba ibikwazinyaswe nguMkomishinala jikelele wamapolisa uGeneral Fannie Masemola.
NgoMgqibelo ekuseni uluntu lwase Mpuma Kapa lukhwanqiswe zindaba zokudutyulwa kubulawe amalungu osapho alishumi elinesixhenxe (17) kwilali yase Ngobozana eLusikisiki. Olu hlaselo lwenzeke kwizindlu ezimbini kwisitalato esinye ngentseni yangoMgqibelo. Kumzi wokuqala sisine esiye sadutyulwa sabhubha ngoko nangoko. Kumzi wesibini bekuneshumi elinesithoba (19) labantu, ishumi elinesithathu (13) lidutyulwe itshoba lalal’ umbethe. Isithandathu (6) siye sasinda kuquka nemveku enenyanga ezimbini. Ababhubhileyo ngamanina alishumi elinesihlanu (15) namadoda amabini.
uGeneral Masemola uthe kuzakutyalwa iingcali zophando ukuqinisekisa ukuba ababulali bayafunyanwa. Kukho inkcuba buchopho zabaphandi ezivela ePitoli ezizakuthunyelwa ukuza kuhlalutya ubungqina ngenjongo zokunqakula ababulali. Sicela uluntu luncedisane nathi ekuzameni ukufumana abarhanelwa “utshilo okaMasemola”
Ukanti uMphathiswa wokhuseleko loluntu eMpuma-Kapa uMnu Xolile Nqatha uthe urhulumente wephondo uyasikhalimela esi senzo nasichaze njengesimanyukunyezi. Sicela uluntu luncedisane namapolisa ekuzameni ukukhangela nokunqakulwa kwabarhanelwa “utshilo uMphathiswa”.
@icamagunews