29 Tshazimpuzi 2024
nguLulama ka-Sozathini
GAUTENG – Ngamadoda amathathu adutyulwe ngeCawe lahlanz’ iselwa, emva kokuba amapolisa ehletyelwe ngabaphangi abakuhola wendlela uN3 nabazenza abakwantsasana.
La madoda kuvakala ukuba yinxalenye yabaphangi abasebenzisa izixhobo ezizi zibane zamapolisa nezincanyathiselwe kwisigadla sohlobo lweToyota Hilux phakathi kweVilliers neHeidelberg kuhola wendlela uN3. Amapolisa aye ahlanganisa igqiza elikhethekileyo neliye lalandela umkhondo olikhokelele kuN3 eGrootvlei.
Isigadla ebesihamba lamadoda kugagenwe naso leligqiza sisancamathisele iizibane zamapolisa. Iingxelo yamapolisa iqhuba ithi esi sithuthi siye sagqotsa emva kokuqaphela ukuba amapolisa ayalandela emva kwaso. Ibe nguwashiywa nowashiywa ukuya ngakwindawo yaseZonkizizwe eEkurhuleni. Kuthe kusenjalo abatyholwa bathulula irhuluwa bejolise emapoliseni kulapho bagagene neembila zithutha emva kokuziphindezela kwabakwantsasana. Amadoda amathathu aye adutyulwa lahlanz’ iselwa ngeli lixa enye iye yababeleka abasicatyana.
Amapolisa afumene iimipu emibini engekho mthethweni, iimbumbulu, kunye nezibane zamapolisa. Ukanti uphando lusaqhuba.
@icamagunews