05 uCanzibe 2024
NguLulama kaSozathini
Inkosikazi eminyaka imashumi mane anesibhozo (48) ibhadla eziseleni emva kwezityholo zokunqumla intloko unyana wayo ominyaka ilishumi elinesibhozo (18) oyimbhedlenge nongakwazi ukuzihambela, eLeshikishi Village ePolokwane ngoLwesihlanu umhla wesithathu kuCanzibe.
Ingxelo yabakwantsasana ithi amapolisa afumene umzimba osisibhukubhuku ukwisitulo sokuncedisa ukuhamba (Wheelchair) intloko ithe tywa ecaleni kwawo kwindawo yentselo elapha kule lokishi. Uphando nzulu luye lwakhokelela ekubanjweni kukanina nekutyholwa ukuba nguye onqumle unyana wakhe intloko. Amapolisa akwafumene isitshetshe ekusolwa ukuba siso esi setyenziswa kobu bundlobongela.
Umkomishinala wamapolisa eLimpompo uLieutenant General Thembi Hadebe uvakalise umothuko sesi senzo ingakumbi sibangelwe linina elingunozala kumntwana lowo. Uthe amapolisa azakuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenzeka. Umsolwa uzakuvela kwinkundla kaMantyi yaseThabamoopo kungekudala