NguSisanda Jack
Usapho lwelali yakwaMaxhentsa eNcerha kwisixeko saseBuffalo City lusentlungwini emva kokulahlekelwa yinkwenkwana yalo nethe yabhubha ngokurhaxwa ngamanzi onxweme lwaseMchantsi (Kidds Beach).
Ngokwengxelo lenkwenkwana nogxa bayo bebebuya esikolweni ngethuba baye bacela ukuyo kuqubha kwiqula elikunxweme olo. Kuvakala ukuba basukile kunxweme baze baya kwichweba elikufutshane, nalapho lenkwenkwana iye yatshona khona. Oogxa bayo baye bagqotsa ukuya kufuna uncedo emva kokuba bengasamboni ugxa wabo. Abenkonzo yesipolisa bakungqinile ukuba kuye kwabizwa iqela lohlangulo emveni kokuba bebikelwe ngesiganeko sokutshona kwenkwenkwana kunxweme olo.
Emva kwemigudu yabenkonzo zohlangulo lenkwenkwana umzimba wayo uye wafunyanwa ngoMgqibelo umhla wesihlanu kweyeDwarha. Ukanti esi sehlo sele sisenzeka izihlandlo eziliqela kwelikhaya nanjengoko sikhe sabhala kwiminyaka emibini edlulileyo kwangesinye isiganeko sokutshona kwenye inkwenkwana edamini kwelikhaya. Ukanti usapho lusothukile sesi sehlo lwatsho lucela ukunikwa ithuba lokujongana nalemek.
@icamagunews