NguLulama kaSozathini
Amapolisa akeKapa azingomba isifuba emveni kokuthintela ngempumelelo uphango obelucetywa kwizithuthi zemali eKapa. Ingxelo zithi ibutho elikhethekileyo lamapolisa liye lwahletyelwa ngontamnani ngophango olucetywayo kwizithuthi zemali.
Amapolisa aye agaleleka engabhungisanga kwindawo yaseTown Two eKhayelitsha nalapho aba nqevu bebehlangene khona beceba olu phango. Ekufikeni kwabo abakwantsasana bahlangene neembila zithutha ngethuba behlangatyezwa ngothotho lwembumbumbulu eziphuma kwimikhonw’ ekati yabarhanelwa. Amapolisa aphindisile nawo kwaqhuma irhuluwa lahlanz’ iselwa kwimigulukudu esibhozo kwaze kwabanjwa isihlanu.
Kulendawo yabanqevu kubanjwe iimibhaxa yohlobo lweAK47 esixhenxe (7), eyeR5 emibini (2), R4 omnye (1) kunye noyidashprod omnye (1). Ukanti kukwafunyenwe nompu wohlobo lwe 9mm, iimbhumbhulu kunye neziqhumbisi ezintathu (2). UMkomishinala wamapolisa eNtshona Kapa uLt General Patekile ulincomile iphulo lwamapolisa athathe inxaxheba ekunqandweni kolu phango. Ukanti kulindeleke ukuba abarhanelwa abaseleyo bavele kwinkundla kaMantyi yaKhayelitsha kungekudala.
@icamagunews