Uluntu lwaseQumrha phantsi koMasipala oombhaxa waseAmathole District lulugcwabevu ngumsindo emveni kokuba kuphela iinyanga ezintathu abahlali balomandla bengenamanzi. Abahlali bathi bebekade bexhomekeke kumanzi afunxwa emathunjini omhlaba, nathe avalwa nguloMasipala waseAmathole kuba esithi ufuna ukuvavanya ukulungela kwawo ukusetyenziswa luluntu.
Othethela abahlali uMnu Andile Laydo Mngeni uthi “oko basebenzisa lamanzi abazange bafumana zingxaki, kwaye xa kungoku uluntu lusengxakini yokushokoxeka kwamanzi. Uqhuba athi iiklinikhi nezikolo nazo zisele zingenalo nethontsi lamanzi ngenxa yesi senzo sikaMasipala. Omnye umhlali ongafunanga ukuzichaza uthi uMasipala ngo 2021 wathembisa ngokulungisa imibhobho enkinkisha amanzi ukusuka kwibhulorho yaseNciba ukuya eQumrha, kodwa xa kunamhla ezo zithembiso azikafezekiswa kwaye ilokishi yonke yaseQumrha ayikabi namanzi.
Ukanti uMasipala waseAmathole ngomhla wesibhozo kule yoMdumba uvakalise ukutyumba igqiza elizakujongana nemiceli mngeni edalwa lunqongophalo lwamanzi kooMasipala bayo. Lo Masipala uthe ukhethe abaququzeleli abasibhozo kumasipala ngamnye wesithili. USodolophu uMnu Anele Ntsangani uthe eli gqiza lizakuncedisana nomasipala wakhe ukuqwalasela ingxaki yamanzi kwiindawo eziliqela zaloMasipala. Usodolophu uqhube wathi ukutyumjwa kweligqiza kuzakuzisa umnyinyiva ngokukhawuleza kulengxaki yamanzi, kwaye lizakusebenzisana neofisi kaManejala WoMasipala uGqirha Bhekisisa Mthembu. Ukwalumnkise uluntu ukuba eli gqiza lilithathe nje ngabantu bolawulo hayi abapolitiki nanjengoko umsebenzi wabo uzobe ungokulawula lengxaki yamanzi.
Ukanti uNkosikazi Nomonde Dyani otyunjiweyo ukuba ajongane neengxaki yamanzi kuMasipala wase Great Kei oquka iQumrha neziphaluka uvakalise kumyalezo oshicilelweyo ukuba ” uMasipala uzama ngako konke ukulungisa lemeko kwaye iiloli abanazo ezithutha amanzi kuMasipala iGreat Kei, enye yonakele ngeli lixa ibe iphelelwa sisivumelwano sayo sengqesho phakathi kwayo noMasipala, eyesibini iinengxaki nayo. Ezi loli zithatha iintsuku ezintathu ukuya kwiveki ukuphinda zibuye zize namanzi eluntwini”
Ukanti abahlali abaninzi ayibaxolisi lemeko nanjengoko sele kulithuba benganamanzi. Uceba wendawo uMnu Zola Tshali uthe lengxaki ingaphezu kwakhe watsho edomboza kuNkosikazi Dyani ngomyalezo oshicilelweyo ukuba aqinisekise ukuba amanzi ayafika ngokukhawuleza. Omnye umhlali ongafunanga ukuzichaza naye uthe iindaba yeeloli ezizisa amanzi, isivumelwano sazo nomasipala kunye nokonakala kwazo yindima ebekufanele ilungiswe kwangethuba ngabo babandakanyekayo. Lo mhlali uthi ibisaziwa kwantlandlolo eyokuba isivumelwano seeloli ezo siphelelwa nini na. Sizakuvota njani kengoku phantsi kwalemeko – utshilo
- Ukanti ngexesha lokushicilela kwethu ibali eli impompo zaseQumrha bezisakhala umoya.
@icamagunews