UAthenkosi ndikinda Yimvumi yomculo wehip-hop ozalelwe empumakapa. Eli tyendyana likwangumphathi weNkanyamba Records kunye neshishini elivelisa impahla ezibizwa ngo Vuka Nolali. Eli tyendyana laqala ukuba ngumlonji ngomnyaka ka 2013 lineminyaka elishumi elinesithathu nokwamenzela indumasi ngexa eqaqamba ngengoma yakhe ethi IsiXhosa to the world oku kumenzele indumasi nalapho kwabonakala esabelana ngeqonga ezifana nooBravo Lee Roux eKapa kunye no Flash Ikumkani.

Le ndedeba sithetha nje ihlaba ikhwelo kwabo basafuna ukuphuhlisa italente yabo emculweni ukuba beze kushicilela kwiziko layo i-nkanyamba records EC ezinze eDutywa. Eli ziko likwaceba ukuqokelela imali ukuncedisana nabaculi abasakhasayo ukuze bakwazi ukuthengisa umculo wabo kwanoku bamba iimicimbi yodidi oluphezulu.