NguLulama kaSozathini
Ukungawo Maku obeminyaka ilishumi elinesithoba (19) ubudala waseDikeni eMpuma Kapa wanyamalala ngobusuku bangomhla wesihlanu kule yeKhayala. Iingxelo zithi le ntombazana yagqityelwa ibonwa ihamba nomfundisi ntsapho wesikolo samabanga aphantsi eDikeni, kunye nesinqanda mathe sakhe kwanomhlobo wakhe ongumgcini-ndawo kwesi sikolo.
Ngokwengxelo yakutsha nje yosapho umzimba walentombazana ufunyenwe utshisiwe ngakwindawo ethengisa amatayi emoto eRhini. Usapho luthi umkhondo uvele emva kokuncinwa kwesinqanda mathe salo mfundisi ntsapho. Ukanti abarhanelwa ababini abakafumaneki nanjengoko kukholelwa ukuba basabaleka ingalo yomthetho.
Ephawula ngesi sehlo Umnu Petros Majola olitshantliziyo ekulweleni amalungelo abantwana namanina uthe ukhwanqisiwe sesi senzo. OkaMajola uthi ibuhlungu into yamihla le yokuvuka neendaba ezimbi zokuxhatshazwa kwamanina nabantwana. Ukanti amapolisa athe bhazalala ekhangela abarhanelwa.
@icamagulive