Ngumbhaleli wethu eMotherwell.
Amapolisa aseMpuma Kapa akhangela amadoda angabarhanelwa ekudutyulweni kwabantu eNU3, eMotherwell eGqeberha ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kule yeSilimela.
Ngokwengxelo yamapolisa kuvakala ukuba ngamadoda angaqinisekiswanga inani ebekwisitalato uKhozi eMotherwell nasuke aqhumisa irhuluwa ejolise ebantwini. Kwesi siganeko kubhubhe abantu abathathu ngoko nangoko. Isizekabani solu hlaselo asikaziwa, kwaye uphando lusaqhuba.
Amapolisa abongoze uluntu ukuba luncedisane nawo ekukhangeleni ezi zikrelemnqa. Kucelwa nabani na onolwazi ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane naye okanye atsalele umnxeba uDetective Captain Monde Sithole kule nombolo 082 457 2812.
@icamagu news