nguLulama ka-Sozathini
Kwinkqubo kaRhulumente ekuthiwa yiExpanded Public Works Programme (EPWP), uMongameli uCyril Ramaphosa uthembise ngelithi iza kudala izithuba zemisebenzi ibuye ixhase namashishini asakhulayo elizweni lonke.
Oku ukuthethe izolo emcimbini obubanjelwe eBuffalo City Stadium, eMonti, apho bekubhiyozelwa khona amashumi amabini eminyaka enkqubo kaRhulumente edala imisebenzi ngokunika abantu izakhona inike nabanye izakhono zokuzakhela amashishini wabo eyaziwa ngabaninzi ngoba yiEPWP. UMongameli uthembise abantu baseMzantsi Afrika ngelithi uRhulumente, ophantsi kwe’African National Congress, uza kudala amathuba emisebenze azizigidi ezihlanu eminyakeni emihlanu elandelayo.
Ngokutsho kukaStats SA, iqondo lentswelongqesho liphezulu kakhulu eMzantsi Afrika, ngakumbi kwiphondo leMpuma Koloni eliphala phambili. Lulutsha oluchaphazeleka kakhulu kukungabikho kwemisebenzi, olufundileyo nolungafundanga. UMongameli uyiqhwabele izandla inkqubo kaRhulumente, iEPWP, ngelithi ihamba phambili kwihlabathi lonke ngoba iphucule ubomi babantu abahluphekayo eMzantsi Afrika. “Ukusukela mhla yasungulwa iEPWP, seyinike abantu amathuba emisebenzi akwizigidi ezilishumi elinesine (14-million).
Sathi le nkqubo kaRhulumente iguqula ubomi. Ubungqina nabuya, abantu banezakhona, bayasebenza abanye baziqhubela amashishini wabo amancinci,” utshilo uMongameli ebaleni ebeligcwele ngabantu abasuka kwiindawo ngeendawo eMpuma Koloni. Uthe uRhulumente uchithe imali eziibhiliyoni zerandi ezingaphezulu kwamashumi amane (R41-billion) eguqula ubomi babantu abahluphekayo ngenkqubo kaRhulumente, iEPWP. “Njengokuba sibhiyozela amashumi amabini okusebenza kwayo iEPWP, ekwenzileyo makusikhuthaze ukuze senze ngaphezulu.
Kukho imfuneko yokuphucula imeko abasebenza phantsi kwazo abantu abasebenza phantsi kwe-EPWP ukuze umsebenzi abawenzela uluntu ube mhle. Inkqubo kaRhulumente yokudala imisebenzi inendima ebalulekileyo eyenzayo kwicala lokulwa nempathombi koomama nasebantwaneni emakhaya, ekusetyenzisweni kweziyobisi nasekhuleni kwabantwana.
Isigaba esilandelayo se-EPWP siza kuphucuka kwaye sizimisele ukudala amathuba engqesho akwizigidi ezihlanu eminyakeni emihlanu ezayo. Sikwazimisele nokuxhasa amashishini akhulayo anokudala amathuba,” utshilo uMongameli