NguLulama kaSozathini
Ikapteni yamapolisa aseThekwini isinde ngokulambisa kuthotho lweembumbulu, emveni kokuzibhaqa sele igaxeleke kuphango lwesithuthi semali ngalentsasa. Oluphango lwenzeke ngakuhola wendlela uN2 phambi kwegophe elingena kwindlela eya kwilokishi yaKwamashu ngalentseni umhla wesithandathu kuCanzibe.
Linani lamadoda angaziwayo nebehamba ngezithuthi eziliqela athe aqweqwedisa isithuthi esithwala imali aze athulula ngerhuluwa engabhungisanga kwesi sithuthi. Lamadoda akwathulule ngerhuluwa kwesinye isithuthi samapolisa ebesingaphawulwanga nebe sikufutshane kwesi sigadla. Kuvakala ukuba esi sithuthi samapolisa besihamba iKapteni yamapolisa aseThekwini isiya kumsebenzi wobupolisa kwindawo yaseNanda. Ukapteni lo usindiswe ziimpahla zokuzikhusela ebezinxibile kwaye ukwazile naye ukudubula ephindisa kwezo zikrelemnqa. Izikrelemnqe ziye zasiqhushumbisa isigadla eso semali zaze zemnka nenkuntyula engachazwanga.
Ukapteni lo uye waphuma kwisithuthi sakhe engenawo nomkrwelo waze wazama ukulumnkisa abanye abaqhubi ukuba bangasondeli kwindawo leyo yodubulo.Ukanti akubikwanga bantu bonzakeleyo nakwicala lezikrelemnqa. Amapolisa athi acela nabani onokuba nolwazi ukuba atsalele umnxeba kwinombolo yakwaCrime Stop engu 08600 10111. Uphando lusaqhuba.