NguLulama kaSozathini
Umfanekiso: Uthunyelwe
20 Canzibe 2024
Uluntu lwaseMpuma-Kapa lusothukile sesinye isiganeko sokufunyanwa kwenina linqunyulwe intloko. Kwe sihlandlo esi siganeko sehle kwilali yaku Tsengiwe kwidolophu yaseCala. Unkosikazi Uluntu Stuurman obeminyaka ingamashumi amabini anesibini (22) ufunyenwe umzimba usisibhukubhuku intloko ingekho kuwo.
Ngokwengxelo yamapolisa kuye kwanyanzeleka ukuba kuphunywe iphulo kuzanywe ukufunyanwa intloko yomzimba ofunyenwe kwilali yakuTsengiwe eCala, iphulo legqiza elikhethekileyo lamapolisa liye langenelela yaze intloko kamfikazi yafunyanwa ngeCawe umhla weshumi elinesithoba kuCanzibe. Uphando lukhokele ekubanjweni kwesidala sikamfikazi kunye nomhlobo waso. Ingxelo ithi esi sibini sibanjiweyo sabonwa apho elalini sibuzisa ngendawo apho umfikazi ahlala khona besithi bazizi zalwane zakhe. Kukrokrelwa ukuba umfikazi lo waye waxhwilwa sesi sibini saze semnka naye ukuya kumbulalela kwintaba ekufutshane apho kulolali.
Usodolophu woMasipala iSakhisizwe uCeba uBoniswa Ponoshe uthe bazakubhinqela phezulu ukulwa nokuxhatshazwa kwamanina kulomasipala, ukwathe iyakhwanqisa indlela amadoda ahlukumeza ngayo abantu basetyhini watsho esithi abazokuphela amandla ekulweni nalomkhuba. Umnu Petros Majola weKhula Development nelwa nokuxhatshazwa kwamanina nabantwana uthe isidala sikamfi sibanjiwe kunye nomhlobo waso watsho encoma umsebenzi omhle wamapolisa. Ingathi amdoda angavuselela izazela zawo nentliziyo ezivayo ndiyamcela uThixo kulonto “utshilo okaMajola. Kulindeke ukuba abarhanelwa bavele enkundleni kungekudala.
@icamagunews