NguSisanda Jack
UMzantsi Afrika ujongene nomkhuba ombi wokuhlukunyezwa kwabantwana namanina, oku kuquka ukuxhazwa ngezesondo, ukubethwa ngenjongo zokonzakaliswa kwa nokuhlukumezeka emphefumlweni, okuthi ngamaxesha amaninzi kukhokelele ekubhubheni kwamanina aliqela. Usekela Mongameli weli loMzantsi Afrika uMnu Paul Mashatile ngoMvulo uphehlelele iphulo lwentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwisana nokuxatshazwa kwamanina nabantwana kumsitho ububanjelwe eRusternburg kwiphondo laseMntla Ntshona.
Ngokwenkcukacha manani zebhunga i-Human Science Research Council (HSRC) ngamashumi amathathu anesithathu ekhulwini (33%) amanina angamaxhoba okuxhatshazwa ngokubethwa ngenjongo zokonzakaliswa emzimbeni, ze u 9.8% bahlukunyezwe ngokwesondo, lonto ithatha amaxhoba onzakaliswa ngokubethwa iyowabeka ku 7.3 wezigidi, ze axhatshazwe ngokwezesondo ayoma ku 2.1 wezigidi, nalapho aveza ukuba uninzi lwabo ngamanina antsundu, ahlalisanayo nangatshatanga phakathi kweminyaka eyi-18 neyi-24.
Kukho nomba wokukhulelwa kwabasetyhini abaselula nokuxhalabisayo nokuqikelelwa ku 12%, oku kuchaza ukuba abantwana sebezelwe bayi 102 648, abanye babo ingabeziphumo zodlwengulo.
Ethetha kulomsitho Umongameli Mashatile uthe “iphulo lalonyaka lihambisana neminyaka engamashumi amathathu (30) enkululeko kuquka nokumiselwa komthetho wokuphelisa ukuxhatshazwa kwabantwana namanina. Ukuqala namhlanje umhla we25 ukuya kumhla weshumi (10) kweyoMnga lixesha lokumisela umthetho wentsebenziswano nobumbano – utshilo okaMashatile.
Ukanti kwakulomcimbi uMongameli uthe thacha izigaba ezintathu eziza kulandelwa ngurhulumente, nekuzezi zilandelayo:
- Ukuqinisa umgaqo wokumisela iMulti Sectoral National Council kwi GBV ne Femicide.
- Ukunyusa imizamo yokuthintela nokuphelisa indlala, nathi ingunobangela wolwaphulo mthetho, ngethuba izawube ivelisa amathuba kuluntu. uncedo.
- Ukuphucula nokuqinisa ukusetyenziswa kobungqina, nokuqinisekisa kokuphandwa kwabo, ukugcinwa kobungqina kwamaxhoba ngokhuseleko, kuwo onke amphulo oncedo.
@icamagunews