05 EyeSilimela 2024
NguLulama kaSozathini
Umkomishanala wamapolisa kwiphondo iMpuma-Kapa uNjengele Nomthetheleli Mene ucele ibutho elikhethekileyo neliphanda amatyala obundlobongela ukuba likhawulezise uphando lwalo ekufumaneni ababulali bosapho kuTsolo.
Ingxelo zithi ngoMvulo nangoLwesibini kudutyulwe kwabulawa amalungu osapho amathandathu kwiziganeko ezahlukileyo kwisithili saseMpoza kuTsolo. Ingxelo zithi udubulo luqale ngomhla wesine kule yeSilimela (4 June) nalapho kwavakala kuqhuma irhuluwa kulengingqi ze kwafunyanwe imizimba emibini yamadoda eqikelelwa ngaphaya kweminyaka engamshumi asixhenxe (73) benamanxeba okudutyulwa.
Ezinye iingxelo zithi abanye abantu ababini indoda nomfazi abaphakathi kweminyaka engamashumi amathandathu anesibini (62) nengamashumi amathandathu anesixhenxe (67) bacholwa kwindawo ekufutshane apho benamanxeba okudutyulwa. Kuvakala ukuba bonke aba babuleweyo ngabosapho olunye. Ngokolwazi oluziswe kumapolisa kuthwa ngamadoda amabini angaziwayo abandakanyeka koludubulo. Oyena nobangela awukaziwa. Inani Labantu ababuleweyo bebonke sisithandathu.
Unjengele Mene uthe ucela nabani onolwazi ngesi senzo ukuba abikele amapolisa akufutshane kuye.