Umdlali owaziwayo wemiboniso bhanyabhanya yaseNigeria i-Nollywood uMnu John Okafor nowaziwa luninzi njengo Mr Ibu akasekho emhlabeni.
Kuvakala ukuba lendedeba ibhubhe ngoMgqibelo umhla wesibini kweYokwindla emveni kokugula ixesha elide. NgeyeDwarha ku 2023 wabonakala ezindabeni ecela amalizo ukukhawulelana nempilo yakhe ibingentlanga, nekwakhokelela ekubeni ngeYenkanga nyakenye anqunyulwe umlenze ukuze aphile.
Owayesakuba nguMphathi wakhe u-Emeka Chochoo uthe “Kwanyanzeleka ukuba anqunyulwe umlenze emveni kokwanda kwesifo esaye sihlasele imithambo yeenyawo zakhe.
Lo mdlali kuvakala ukuba ubhubhele esibhedlele. Abahlobo nabanye oosaziwayo sele beqalile ukunika imbeko kulo is Okafor.