NguLulama kaSozathini
Iimifanekiso: SAPS Archives
Uvele kwinkundla kaMantyi waseLusikisiki Umsolwa kwityala lokudubula abulale abantu abalishumi elinesibhozo (18) kwilali yaseNgobozana, eLusikisiki.
Umrhanelwa uSiphosoxolo Myekethe (45) ubanjwe ngoMvulo umhla wesixhenxe kweyeDwarha nalapho afunyanwe nombhaxa wohlobo lweAK47 nekusolwa ukuba nguwo osetyenziswe kwesi sehlo nakumanye amatyala afanayo.
Ukanti kuvele ukuba umrhanelwa lo ungaphandle ngegqawule ukusukela kumnyaka ka2023 emva kokudontsa isigwebo esingamashumi amabini anesihlanu ngokubulala ukanti wakhe wazama nokuqhwesha entolongweni ngaphambili.
![](https://icamaguonline.co.za/wp-content/uploads/sites/12/2024/10/1000090024-2-853x1024.jpg)
Umrhanelwa kulindeleke avele kwakhona kwinkundla kaMantyi eLusikisiki ngomhla weshumi elinesihlanu kule yeDwarha ukuza kuziphendulela kumatyala abekwa wona.
@icamagunews