7 uTshazimpuzi 2025
Ziyanda iingxoxo malunga nekamva lorhulumente wobumbano emva kokuba umbutho iDemocratic Alliance (DA) waye wazalel’ endle ngasekunqwaleni kwivoti yohlahlo lwabiwo-mali karhulemnte kunyaka mali ka2025/6. Isenzo seDA saye sadala impixano kumalungu alorhulumente wobambiswano.
Inkokheli yombutho weDA uMnu Johan Steenhuisen ngethuba ethetha nonondaba kwiintsuku ezidlulileyo uthi bazakuthatha amanyathelo aliqela kuquka nokuya kwiinkudla zamatyala. Le nkokheli ithi oku kukuzama ukulwisana nento abayibona njengokukhuthuzwa kwabemi beli ngenxa yokunyuswa kwerhafu-ntengo. Yinqatho enkulu kakhulu le kubemi beli lizwe “utshilo oka Steenhuisen. Le nkokheli ikwathe iqela layo lisazibopholele ekusebenzeni kurhulumente wobambiswa kodwa alizokuba ngoothoba sikutyele beANC,
Ethetha nonondaba kutyelelo lwesebe leANC eSoweto, ngeCawe uMongameli Cyril Ramaphosa uthe isiqgibo sekomiti echophele imiba yemali epalamente sithe Isebe lezimali kweli lakuthi linikwe iintsuku ezingashumi amathathu ukukhangela ezinye iindlela ezinako ukusetyenziswa ngaphandle kokunyuswa kwerhafu ntengo. Ukanti unobhala weANC uMnu Fikile Mbalula ugxeke into athi kukungahloniphi kwanokuba ngqwabalala kumbutho i-DA ngenxa yesigqibo sayo sokungavoteli uhlahlo-lwabiwo mali epalamente.
Sithetha nje amalungu ekomti esebenzayo kwiANC avalelene ezingxoxweni nalapho owona mba uphambili ingoworhulumente wobambiswano. Ukanti izmvo ziyabethabathana kubemi beli kuquka noosomashishini bambi besithi iDA kumele igxothwe kulorhulumente ngeli lixa abanye besithi mayinikwe ithuba kwakhona. Amehlo onke athe ntsho kwisigqibo esizakuphuma kulomhlangano uqhuba weANC ngorhatya lwemivundla namhlanje.
@icamagunews