NguLulama kaSozathini
Inkonzo yesipolisa ithe gqolo namaphulo ayo okuzama ukusiphula neengcambu ukuthengiswa kweempahla zomgunyanthi kunye nokutya okuphelelwe lixesha.
Kwiphondo iKwaZulu Natal amapolisa agubhulule inqwaba yokutya okusele kuphelelwe lixesha kwimizi mveliso emibini kwindawo yaseBluff cebo kuhle eThekwini. Kulogqogqa amapolisa afumene ukutya okusele kwaphelelwa lixesha nokufana neenkonxa zentlanzi, iziselo ezihlwahlwazayo, iimbotyi, ukutya kwentsana, amachiza asetyenziswa ukunonga ukutya. Amapolisa avakalise ukuba lamachiza kutshanje ngawo athi adityaniswe namashwamshwam athandwa kakhulu ngabantwana. Ukanti kukwafunyanwe notywala obusele buphelelwe lixesha.
Ukanti komnye umzi mveliso kufunyenwe iimpahla zomgunyathi nezinemibhalo yeenkampani eziphambili ehlabathini. Amapolisa athi ezi mpahla zixabisa izigidigidi zeerandi, kwaye asaqhuba uphando kwanokuzama ukufumana abona banikazi bezimpahla zomgunyathi ukuze bajongane nengalo yomthetho.
Amapolisa akwaqhube ugqogqo phantsi kwephulo lawo uVala Mgodi nalapho abambe avalela izimba-mgodi ezingekho mthethweni nezaziwa ngooZamazama kwindawo yemizi mveliso yaseNewcastle. Ukanti bonke abantu abathe bavalelwa bangabemi bamazwe angaphandle, uninzi lusebenza kwimizi mveliso ekufutshane apho ngaphandle kweempepha ezigunyazisayo.
Amapolisa akwahletyelwe ngenani labemi bangaphandle abaqashwe kumzi mveliso uthi kulendawo yaseNewcastle apho kwenziwa khona iimichako namalaphu. Isithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda uthe kubanjwe abemi ababini belizwe eliseAsia ngokwaphula umthetho ojongene nabami bangaphandle abangena kweli.
Abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kaMantyi yaseNewcastle ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesihlanu kule yeNkanga.
@icamagunews.