Ngumbhali: Lulama kaSozathini – 13 EyeThupha 2025
Abahlawuli berhafu kweli kulindeleke ukuba badleke iR270 yezigidi zeerandi neziza kusindleka iNational Dialogue – neyinkqubo yothethathethwano phakathi kwesizwe – Kulindeleke ukuba iyonke inkcitho iyokuthi xhaxhe kwiR450 yezigidi xa kuhlanganiswe yonke into.
UMongameli uCyril Ramaphosa wamemezela iNational Dialogue ngomhla weshumi kweyeSilimela 2025, nto leyo eyakhokelela kwimibuzo malunga neendleko zayo. Kuqala kwakucingwa ukuba iya kubiza iR700 yezigidi, kodwa le nombolo yachithwa emva kokuba iKomiti yezoPhando iphinde yaqwalasela kwakho iindleko.
Kusemthethweni ngoku ukuba le nkqubo, eza kubandakanya ngaphezulu kwe-13,400 ward dialogues kunye ne-50,000 iziganeko ezikhokelwa ngabaninimzi, iya kubiza iR450 yezigidi. U-Anzio Jacobs, ovela kwiKomiti yoCwangciso yeNational Convention, uqinisekisile ukuba urhulumente uza kuhlawula iipesenti ezingamashumi amathandathu (60%) oko kukuthi iR270 yezigidi – evela kwiSebe loCwangciso, uLawulo noVavanyo (DPME).
URhulumente uthi zonke iinkqubo zokulawula uhlahlo-lwabiwo-mali zihambelana nePublic Finance Management Act (PFMA). Ntlandlolo uMongameli Cyril Ramaphosa wacela amashishini kunye nemibutho yoluntu ancedise, ukuze kuncitshiswe uxanduva kuluntu lwabahlawuli berhafu.
Kanye kwiveki phambi kokuba uqale lomsitho imibutho ephambili nebifudula ixhasa ukuphuhliswa kwale nkqubo iyekile ukuthatha inxaxheba. Isizathu? Ikhala ngezinto ezinjengokunciphisa imigaqo, ukugxila kwamandla ezandleni ezimbalwa, kunye nokukhawulezisa ngokungacwangciswanga ukuya kulomsitho.
“Ngokudana okukhulu, kodwa ngethemba eliqinileyo, sigqibe kwelokuba siyeke ukuthatha inxaxheba kuzo zonke izakhiwo zePreparatory Task Team (PTT) kunye neNational Convention yokuqala yeNational Dialogue eza kubanjwa nge-15 kweyeThupha 2025.
“Oku kubangelwe kukuba sikholelwa ekubeni imigaqo esisiseko ekufanele ukuba iqhube yonke iNational Dialogue iye yaphulwa ngenxa yokukhawulezisa ukusingatha lo msitho,” kutsho la maqela engenzi nzuzo kwingxelo ayikhuphe ngoLwesihlanu, umhla wesibhozo kweyeThupha.
Bathi esi sigqibo asithethi ukuba abazimisele ukuba yinkxalenye okanye abananzi, koko basavuma ukuba yonke imiba yeNational Dialogue kufuneka ibe nenyaniso, ibambelele kwimigaqo, kwaye ixhaswe ngumkhusane wokuthembela kuluntu.
Imibutho ezikhwebuleyo ibandakanya:
- Steve Biko Foundation
- Thabo Mbeki Foundation
- Chief Albert Luthuli Foundation
- Desmond and Leah Tutu Foundation
- FW de Klerk Foundation
- Oliver and Adelaide Tambo Foundation
- Strategic Dialogue Group
Ngaphambi kokuba abhengeze oku, la maqela athe axelela zombini uMongameli Cyril Ramaphosa kunye ne-Eminent Persons Group ngale meko. Ukanti kutsha nje imibutho iAfri Forum kunye Solidarity nayo iye yazeka mzekweni emveni kwe Freedom Front Plus nayo eye yathi gu bucala.