NguNasiphi Mabusela-Icamagu, Intatheli
26 kweyeThupha 2026
MTHATHA — I-Government Communication and Information System (GCIS) ibibambe ingxoxo ebalulekileyo edibanise izizukulwana ezahlukeneyo eMthatha ngoLwesithathu, umhla wama-26 kuAgasti, njengenxalenye yemibhiyozo ye-UCRFM yokubhiyozela iminyaka engama-30 phantsi komxholo othi Milestones of Freedom.
Le ngxoxo, ebibanjelwe eSavoy Hotel, idibanise abantu bezizukulwana ezahlukeneyo ukuze bakhe bakhumbule kwaye baxoxe ngendima ebalulekileyo edlalwe ngunomathotholo nolusasazo loluntu kule minyaka ingama-30 idlulileyo.
Le ndibano yenze iqonga lokuba abo bawakhumbulayo amaziko okuqala oonomathotholo boluntu bakwazi ukunxibelelana nabasasazi kunye neengcali zamajelo eendaba ezisebenza nzima ukuqinisekisa ukuba eli candelo lisahleli lifanelekile kweli xesha leenguqu ezikhawulezayo kwezobuchwepheshe namajelo eendaba.
Abameli bezikhululo zoonomathotholo zoluntu ezahlukeneyo nabo bebeyinxalenye yale ngxoxo, nto leyo enike abasasazi ithuba lokwabelana ngamava abo, bakhumbule uhambo abaluhambe kunye, kwaye bafunde omnye komnye.
Nangona itekhnoloji iyiguqule kakhulu indlela abantu abamamela, ababukela nabathetha ngayo, abathathi-nxaxheba bavumelene ukuba imfuneko yolwazi oluthembekileyo nolusondeleyo kuluntu isabalulekile nanamhlanje. Usasazo loluntu lusaqhubeka nokunika abantu iqonga apho amazwi abo evakala khona, nalapho uluntu lukwazi ukubona ubomi balo, imingeni, impumelelo kunye neminqweno yalo ibonakaliswa.
Njengoko i-UCRFM ibhiyozela iminyaka engama-30 isasaza, le mibhiyozo ayijonganga nje emva kwiimpumelelo zesikhululo, koko ikwavula indawo yokuba kuvakale amazwi aza kubumba ikamva lamajelo eendaba oluntu.
Le ngxoxo yezizukulwana ibe sisikhumbuzo sexabiso elingapheliyo losasazo loluntu — ukudibanisa izizukulwana ngamabali, ngolwazi nangamava ababelana ngawo.














