Le ngxelo ijolise ekwaziseni malunga notyelelo olucetywayo luka MEC weZolimo kwiPhondo leMpuma Koloni, uNksz Nonceba Khontsiwe, oluya kubanjelwa eNcera.
UMphathiswa ucele ngentlonipho ukusebenzisana noSihlalo woBunkokheli beMveli kuluntu, aze ngokunjalo kudluliselwe kuMlawuli oMkhulu woBunkokheli beMveli, ngenjongo yokuzalisekisa isithembiso sakhe esadlulayo sokundwendwela eNcera. Injongo ephambili kolu tyelelo kukudibana ngokuthe ngqo nabo bonke abachaphazelekayo kwiprojekthi yeNcera Macadamia.
Olu tyelelo lujolise ekudaleni ithuba lokuba kubekho unxibelelwano olucacileyo phakathi kukaRhulumente kunye nabachaphazelekayo, apho kuza kuphulaphulwa imiba ekhoyo, kwabelwane ngolwazi, kwaye kwakhiwe ukuqonda okufanayo malunga nendlela eya phambili malunga neprojekthi yeNcera Macadamia.
UMphathiswa ukholelwa ukuba inkxaso yoBunkokheli beMveli iya kuba negalelo elikhulu ekuqinisekiseni ulungelelwaniso olufanelekileyo kolu tyelelo, kwakunye nokuqinisekisa ukuba bonke abachaphazelekayo bayamenywa kwaye bayabakho.
Kubalulekile ukuba olu tyelelo lube yimpumelelo ukuze kuphuhliswe intsebenziswano, kwakhiwe ukuthembana, kwaye kufunyanwe izisombululo ezizinzileyo eziza kuxhasa uphuhliso lwaseNcera kunye neprojekthi yeMacadamia. Usuku lotyelelo luzakwaziswa kungekudala emva kokurhoxiswa kosuku umhla wesithathu kweyeKhala 2026, ngenxa yomba oye waqubulisa kwiofisi kaMphathiswa.














