NguLulama kaSozathini
Sele ifuna ukuba sisiqhelo into yokuvalelwa kwabantu ngenxa yokugwinta izalamane zabo kuba benyeke ukuzuza kwimali ye inshorensi. Kutsha nje ngamatyala aliqela asezinkundleni zeli nawonyaniswa nobugwinta bemali ye inshorensi.
Ityala likaRosemary Ndlovu nowagwinta izizalwane zakhe ngenjongo zokuzuza kwimali ye inshorensi lashiya abemi beli bekhwanqisiwe sesi sihelegu. UNdlovu nowayesakusebenzela inkonzo yesipolisa kweli wathiwa nka ngezigwebo zobomi izihlandlo ezintandathu ethothoza eziseleni. Oku kusemva kokufunyanwa enetyala lokuququzelela ukugwinta izalamane zakhe ukuze afumane imbuyekezo kwi inshorensi. Ukanti uNdlovu usajongene namanye amatyala oyamene nesi siganeko.
Kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo umongikazi waseRhawutini uSithembisile Hapiness Xulu kunye namahlakani akhe bathi babanjwa bavalelwa ngezityholo zokubulala umsebenzi walo kaXulu kuba ejonge kwalenzuzo yeinshorensi .Ebutsheni balenyanga kuphinde kwabanjwa kwavelelwa elinye ipolisakazi lasePolokwane eLimpompo uRachel Kutumela ngezityholo zokubulala abantu abathandathu (6) kuba efuna ukuzuza kwimali yeinshorensi. Kwiveki edlulileyo kuphindwe kwabanjwa nesinye isibini esancedisana nalo kaKutumela ukwenza lomkhuba. Ukanti akwaliqela amatyala akwinkundla zomthetho kweli, ngeli lixa amanye esaphandwa sisipolisa ngeenjongo zokulwisana nalomkhuba. Ngethuba ekudliwano ndlebe namaziko eendaba kweli umphandi ophambili kulamatyala uDetective Keshi Mabunda wavakalisa ukuba kukunyoluka, nokungcakaza ezona zizathu ziphambili ekuphembeleni lomkhuba.
Ukanti kwelinye ityala uNkosazana Onthatile Sebati (24) waseMmakau ngaseBrits kwiphondo laseMntla Ntshona ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ethothoza entolongweni ngokubulala abazali bakhe, udade wabo owayekhulelwe kunye nomnwakwabo ngeenjogo zokuzuza kwi inshorensi. Lo kaSebati wayeminyaka ilishumi elinesihlanu (15) ngethuba ethembisa abazala bakhe ngemali ntlawulo engange R100 000 ukubulala abazali bakhe, udade wabo owayekhulelwe kunye nomnwakwabo besebenzisa umpu kayise. Ukanti abazala bakhe banikwe isigwebo sobomi ngamnye bethothoza eziseleni ngesi senzo.
@icamagunews