NguLulama kaSozathini, 13 EyeThupha 2025, Umfanekiso: GCIS
UMphathiswa Wezamandla NoMbane, uDkt Kgosientsho Ramokgopa, uqinisekise abemi baseMzantsi Afrika ukuba uEskom “uhamba ngendlela echanekileyo” ekusombululeni ingxaki yokucima kombane (load shedding).
Ukususela ngoMeyi kulo nyaka, uMzantsi Afrika awukafumani ziganeko zokucinywa kombane.
UMphathiswa ebethetha kwinkomfa yeendaba ngenjongo yokuhlaziya uluntu ngemo yesixokelelwano sokuhambisa umbane kweli lizwe.
“Siqhuba kakuhle. Sihamba ngendlela echanekileyo. Senze isithembiso sokuba siza kujongana nale meko kwaye sathembisa ukuba siyakwazi ngokobuchwephesha ukusombulula le ngxaki abantu abaninzi abebecinga ukuba ayinakusonjululwa. Sisondele kakhulu ekufezekiseni oko,” utshilo uRamokgopa.
UMphathiswa uthe akalindelanga “zothuso zincinane” malunga nokusebenza kwesixokelelwano kombane kulo lonke ixesha lasebusika nangeentsuku ezifudumeleyo ezizayo.
“Ewe, le yinkqubo esebenza ngokuguquka. Ezinye iiyunithi ziyajikeleza, kunokuthi kubekho iingxaki apha naphaya. Kodwa isixokelelwano sakhiwe ngendlela yokuba xa kukho imiceli mngeni, sikwazi ukusebenzisa amaziko aphakamisa imveliso ukuze sigcine ukusebenza ngaphandle kokuxhomekeka ekucimeni kombane. La maziko anezixhobo ezibalulekileyo esisisebenzisa xa kufuneka siqinisekise ukuba umbane uhlala ukhona,” utshilo.
Ngaphambi kokuba kuqale ixesha lasebusika, uEskom waphawula ukuba ukucinywa kombane kuya kwenzeka xa iziphene ezingacwangciswanga zidlula i-13 000MW.
“Okwangoku sisenza ngcono kakhulu kunaloo meko. Sibona ukuba inkqubo izinzile, iyanyamezela kwaye iyathembeka ngakumbi. Kwiintsuku ezisixhenxe ezidlulileyo, iziphene ezingalindelekanga zimalunga ne-10 880MW, kwezinye iintsuku zingaphantsi kwe-10 000MW. Ndinqwenela ukubulela amadoda nabafazi abangaphezu kwe-42 000 abasebenza kwaEskom ngokuzinikela ekusombululeni le ngxaki inkulu kweli lizwe. Siyakholelwa kakhulu ukuba siyaphuma kulo mngcipheko,” utshilo.
Ukususela ngeyoKwindla ukuya kweyethupha, izikhululo zamandla zisebenze ne-Energy Availability Factor (EAF) ye-60.14%.
“Le yinkqubela enkulu ukuba sijonga apho besivela khona. Ngo-2023, xa siqale le nkqubo, i-EAF yayingaphantsi kakhulu, malunga ne-49%. Kwiintsuku ezilishumi elinesine ezidlulileyo, i-EAF ibonise iziphumo ezimangalisayo, kwezinye iintsuku idlule ne-70%. Umndilili kulo nyanga ngoku umi kwi-65.38%.
Sasithembisile ukuba siya kudibana neengxaki ezithile kwixesha elifutshane, kodwa sasazi ukuba yintoni esiyenzayo. Uninzi lwabemi belizwe lakholelwa kuthi, kwaye siyavuya ukubika ukuba sifeza isithembiso, kwezinye iimeko sidlula nezithembiso esazenzayo,” utshilo uRamokgopa.
UMphathiswa uphinde wathi kwezinye iiveki, uEskom uvelise umbane ongaphezulu kokufuneka.
“Kukho amaxesha apho kufuneka sicime ezinye iiyunithi ukuze sigcine uzinzo lwesixokelelwano. Oku kuthetha ukuba sele sinendawo eyaneleyo yokuvumela uqoqosho ukuba lukhule ngenxa yale mpumelelo. Siyahamba, kwaye siya kuphumelela,” utshilo uRamokgopa.
Umthombo: GCIS