ICAMAGU NEWS | 31 EYEDWARHA 2026 ELIBODE
Mpuma Kapa – Amapolisa ophando aseLibode abambe amadoda amane aneminyaka ephakathi kwama-23 nama-27 ubudala, arhanelwa ngokubulala umfana oneminyaka engama-22 kwilali yaseNgolo, kummandla waseZitatele, ngoLwesithathu umhla wama-28 kweyeDwarha 2026.
Ngokwengxelo yamapolisa, la madoda atyholwa ngokulanda lo mfana ekhayeni lakhe ngorhatya lwangoLwesithathu, aza ambuyisa malunga nentsimbi yesithoba ebusuku (21:00), sele ebethwe kanobom.
Kuthiwa lo mfana uye wasweleka emnyango wegumbi lakhe ngenxa yokonzakala akufumeneyo.Amapolisa ophando aseLibode athe akufumana ingxelo yesi sehlo, aqalisa uphando olukhawulezileyo nolukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abane kwisithuba esingaphantsi kweeyure ezingama-48.
Ngokophando lokuqala, kurhanelwa ukuba unobangela woku kubulawa unxulumene nesiganeko sokuqhekezwa komzi womnye wabarhanelwa, apho kutyholwa ukuba ixhoba lalibandakanyeka ekubiweni kwemali kunye nezinto zokuzihombisa.Nangona kunjalo, amapolisa asaqhuba uphando olunzulu ukuqinisekisa zonke iinkcukacha ezinxulumene nesi sehlo.
La madoda mane abekwe ityala lokubulala, kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kweNkundla kaMantyi yaseLibode ngoMvulo, umhla wesi-2 kweyeNkanga 2026.UMkomishinala wamaPolisa kwiSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome amapolisa ophando aseLibode ngokukhawuleza kwawo ekubambeni abarhanelwa.
Ukwabongoze abaphandi ukuba bangashiyi nelinye ilitye bengaliguqulanga ekuqinisekiseni ukuba uphando luqhutywa ngokucokisekileyo, ukuze abo banoxanduva lokubhubha kwalo mfana bajongane nengalo yomthetho.Amapolisa athi azimisele ukuqokelela ubungqina obuluqilima obuza kunceda ekutshutshisweni kweli tyala enkundleni.
Okwangoku, abarhanelwa basathathwa njengabamsulwa de bafunyaniswe benetyala yinkundla yomthetho.ICAMAGU NEWS – Apho Amazwi Oluntu Avakala Khona.
Your Community, Your Voice














