Ibhalwe yiNtatheli ye-Icamagu News | 02 Eyenkanga 2026 KUGOMPO.
INkulumbuso yePhondo leMpuma Kapa, uOscar Mabuyane, namhlanje undwendwele iZiko lokuSebenza ngeZiphumo zoNyulo (Results Operations Centre – ROC) leKomishoni yoNyulo eZimeleyo (IEC) eKuGompo, njengoko kusondela unyulo loorhulumente basekhaya oluzakubanjwa ngoLwesithathu, umhla we-04 KweyeNkanga 2026.Olu tyelelo lwenzeka ngexesha kuqhuba uvoto olukhethekileyo (Special Votes) namhlanje, ngoMvulo umhla we-02 ukuya kowesi-3 KweyeNkanga, 2026.
Olu voto lukhethekileyo luvulela ithuba abavoti ababhalisileyo nabafake izicelo ezamkelweyo ukuba bavote phambi kosuku olukhulu lonyulo. Aba baquka abantu abangazukwazi ukufikelela kwizikhululo zokuvota ngomhla wonyulo, kwakunye nabo bangakwaziyo ukuphuma emakhaya ngenxa yokugula, ukukhubazeka okanye ukukhulelwa.
IZiko leZiphumo zoNyulo le-IEC eKuGompo City lizakudlala indima ebalulekileyo ekubekeni iliso kwinkqubo yonyulo, ekulungelelaniseni ukubalwa kweevoti nasekubhengezeni iziphumo zonyulo kwiphondo.Njengoko kushiyeke iintsuku ezimbini kuphela phambi kosuku olukhulu lonyulo, amalungiselelo ayaqhubeka ukuqinisekisa ukuba unyulo luqhutywa ngokukhululekileyo, ngobulungisa nangoxolo.
Icamagu News ne-Icamagu Radio zizakube zisasaza ngqo kwaye zinika uluntu iinkcukacha zamva nje ngeziphumo zonyulo ukusuka ngomhla we-04 ukuya kowesi-06 Novemba 2026, zikwiziko leziphumo zonyulo lephondo.Ukufumana iindaba nezihlaziyo zonyulo, thumela umyalezo kuWhatsApp kule nombolo 079 552 3309














