Umbhali: Lulama kaSozathini
Inkonzo yamapolisa aseMzantsi Afrika (SAPS) eScenery Park iqhuba uphando ngesiganeko sokubulala emva kodubulo olwenzeke ngomhla wesine kweyeThupha 2025, kwindlu eseDice, eReeston eMonti.
Ngokwengxelo, abamelwane bothuswe zizandi zomkhono wekati, baza bakhawuleza baya kwindawo yesiganeko. Nalapho bafike, bafumana imizimba yendoda eneminyaka engamashumi amane (40) kunye nenkosikazi yayo, eminyaka ingamashumi amathathu anesihlanu (35), nebikhulelwe iinyanga ezisibhozo (8) ukuya kwezilithoba (9).
Umfikazi ufunyenwe umzimba wakhe uthe tywa ngaphandle komnyango wasekhitshini, enamanxeba amabini okudutyulwa ethangeni lasekhohlo kunye nase siswini. Umfi yena ufunyenwe ngaphakathi endlini, emva komnyango wasekhitshini, elele ngobuso ezantsi, enamanxeba amabini okudutyulwa ecaleni lasekhohlo esifubeni nasentanyeni.
Okwangoku, unobangela wolu hlaselo awukaziwa, kwaye akukho mntu sele ebanjiwe. Amapolisa aqalise iphulo lokuzingela abarhanelwa, kwaye acela uncedo kuluntu ngolwazi olunokunceda kuphando.
I-SAPS icela nawuphi na umntu onolwazi malunga nesi sehlo ukuba axhumane neScenery Park SAPS okanye atsalele uCrime Stop kwa-08600 10111. Ulwazi lunganikelwa ngaphandle kokuzichaza. Kungenjalo, imikhondo engaziwayo ingathunyelwa nge-#MySAPSApp.