NguNasiphi Mabusela | Icamagu News Reporter
WILLOWVALE— INdlu yeeNkokeli zeMveli namaKhoi-San eMpuma Koloni igxeke kabukhali ukubulawa ngenkohlakalo kwamalungu osapho lwasebukhosini bakwaMazamisa, KuGatyane, eWillowvale. Le Ndlu ivakalise usizi lwayo emva kokuba uNkosi Mzonke Mazamisa Ah Gudlulwandle, kunye nomama wakhe, uNkosikazi Eleonor Mazamisa Ah Nojongile, bebulawelwe komkhulu ngomhla wesi-4 kweyoMsintsi 2026.
Kolu hlaselo kudutyulwe nelinye ilungu loluntu, elithe lafumana unyango esibhedlele. Ngokutsho kweNdlu yeeNkosi, isenzo sokudutyulwa kwala malungu osapho lwasebukhosini senziwe ngumntu obephethe umpu, yaza yasigxeka esi senzo njengesibonisa ubugwala kunye nenkohlakalo, ngakumbi kuba amaxhoba ebengaxhobanga.
INdlu ibongoze ii-arhente zogcino-mthetho ukuba zenze iqela elikhethekileyo eliza kuphanda nzulu ngesi siganeko, libambe bonke abo babandakanyekayo ekubulaweni kwala malungu osapho.Ikwabongoze uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ngokunika naluphi na ulwazi olunokunceda ekuchongeni nasekubanjweni kwabarhanelwa.
INdlu yeeNkokeli zeMveli ikwancome igalelo likaHeadman Mazamisa kunye nosapho lwakhe kuphuhliso loluntu kwiindawo zasemaphandleni, isithi ilifa labo kunye negalelo labo alisayi kulityalwa.“INdlu kunye nobunkokeli bemveli ngokubanzi bayazihlonipha ezi nkokeli ngenxa yegalelo labo elingenabugovu kuphuhliso loluntu lwazo,” itshilo iNdlu.
Ikwanqwenelele ilungu loluntu eladutyulwa ukuba lichache ngokukhawuleza.INdlu idlulise amazwi ovelwano nentuthuzelo kusapho lwaseMazamisa nakuluntu lwemveli ngokubanzi, ngeli xesha libuhlungu.Ithe imithandazo yayo ikunye nosapho nabasondeleyo kwabo baswelekileyo, inqwenelela imiphefumlo yabo ukuba iphumle ngoxolo.














