NguLulama kaSozathini Pic: File
E-Thekwini, KZN – Kubekho ingozi eyothusayo namhlanje (uLwesine) 14 kweyeThupha 2025 e-Battery Beach, xa inqwelo-moya encinane nenamaphiko amiselweyo (fixed-wing) isiwa ngexesha lomnyhadala womoya (airshow). Ngokwengxelo zababukeli, le nqwelo-moya neyenziwe ngomsebenzi wobugcisa bomoya (aerobatic manoeuvre) yehle yaya kungena elwandle, yaze yaphasalaka ngoko nangoko isaku ntlitheka emanzini.
Ababukeli kwesi siganeko babikele i-Reaction Unit South Africa (RUSA) Operations Center befuna uncedo olukhawulezileyo. Abaqeqeshi beenkonzo zohlangulo (RUSA Paramedics) bafike kwindawo yengozi ngokukhawuleza, kodwa bafumanisa ukuba iinkonzo ze-Emergency Services sele zisebenza ukulawula imeko.
Ngexesha lokubhala eli nqaku, iqwelo-ntaka yomkhosi wamapolisa aseMzantsi Afrika (SAPS Helicopter) ibijikeleza ngaphezulu komonakalo isenza uphando kunye nokukhangela abo banoba basindile.
Okwangoku, akukho nkcukacha ezisemthethweni ezikhutshiweyo malunga nenani labakhweli abebekhwele okanye ukuba kukho abasindileyo.
Eli bali liyaqhuba