Ibhalwe ngu Lulama kaSozathini -ELusikisiki(EC)
Umbutho ongajonganga nzuzo kwezemfundo WeSolve4x usungule iphulo elikhulu lokwakha nokuphucula izindlu zangasese kwizikolo zaseMpuma Kapa ngenjongo yokususa ngokupheleleyo izindlu zangasese zemingxunya eyingozi nokuzitshintsha ngezindlu zangasese ezikhuselekileyo nezinesidima.
Eli phulo lixhaswa ngamahlakani aquka Old Mutual Insure, kwaye lijolise ekunciphiseni ingxaki yezindlu zangasese ezingakhuselekanga ezisachaphazela amakhulu ezikolo kweli phondo.

Ngokwengxelo yalo mbutho, eli phulo lazalwa emva kwesiganeko esothusayo esabonwa nguMlawuli we-WeSolve4x, Tsietsi Ngobese, ngexesha etyelele isikolo ukuze kusungulwe inkqubo yezibalo. Kuthiwa ngelo xesha umfundi wawela kwindlu yangasese yomngxuma, nto leyo eyashukumisa kakhulu uNgobese yaza yamkhuthaza ukuba umbutho wakhe ugxile kuphuhliso lwezindlu zangasese ezikolweni.
“Akukho mntwana omele abeke ubomi bakhe emngciphekweni ngenxa yelungelo elisisiseko njengococeko,” utshilo uNgobese.“Xa ndabona loo mntwana esiwa, ndaqonda ukuba asinakufundisa izibalo kubantwana aboyikela nezindlu zangasese abazisebenzisayo ngexesha lekhefu.
Sicela bonke abachaphazelekayo ukuba bazibandakanye nathi kulo msebenzi. Kufuneka sibuyisele isidima sabafundi bethu kwaye siqinisekise ukuba ezi ntlekele azisayi kuphinda zenzeke.”Eli phulo lihambelana nenkqubo karhulumente eyaziwa ngokuba yiPresidential Sanitation Appropriate for Education (SAFE) Initiative, eyasungulwa nguMongameli Cyril Ramaphosa ngenjongo yokuphelisa ngokupheleleyo izindlu zangasese zemingxunya kwizikolo zaseMzantsi Afrika.

Nangona urhulumente ebonise inkqubela ngokufikelela kuma-97% ekuphunyezweni kweeprojekthi zococeko ngonyaka ka-2025, iMpuma Kapa isasele iyenye yamaphondo ajongene nengxaki enkulu yezindlu zangasese ezingakhuselekanga.I-WeSolve4x kutshanje iphumelele ukuphucula izindlu zangasese e Babheke Primary School eLusikisiki, apho kwakhiwe izindlu zangasese zale mihla nezikhuselekileyo.
Ezi ndawo zococeko zinikezelwe ngokusesikweni esikolweni ngomhla we-14 kuCanzibe 2026.Umbutho uthi impumelelo yale projekthi iza kusetyenziswa njengomzekelo kwezinye izikolo ezisafuna uncedo kweli phondo.Ngokweenkcukacha ezikhutshwe ngurhulumente waseMpuma Koloni, zimalunga nama-427 izikolo ezisasebenzisa izindlu zangasese zemingxunya kweli phondo.
INkulumbuso yeMpuma Kapa Oscar Mabuyane ithembise ukuba urhulumente uza kususa malunga nama-300 kwezi zindlu zangasese ngo-2026.I-WeSolve4x sele ichonge izikolo ezingama-23 ezifuna uncedo olungxamisekileyo ukuze zihambelane nemigangatho yesizwe yezikolo ezikhuselekileyo.
UNgobese ukwabulele iOld Mutual ngenkxaso yayo kule projekthi yaseBabheke Primary School.“Sithanda ukubulela iOld Mutual ngokusixhasa kulwakhiwo lwezindlu zangasese eBabheke Primary School,” utshilo.I-WeSolve4x ithi izimisele ukuqhubeka nokusebenza norhulumente, uluntu, kunye namahlakani abucala ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bafunda kwiindawo ezikhuselekileyo nezinesidima.
@icamagunews














