Umbhaleli wethu. Umfanekiso: Uthunyelwe
Owasetyhini usweleke emva kokuhlaselwa liqela leenja ezisibhozo kwindawo yaseStilfontein kufuphi neKlerksdorp eMntla Ntshona. Iingxelo zithi ezo nja zikhe zatyholwa ngokuhlasela indoda ngemini yangaphambili, nayo eyasweleka ngenxa yokonzakala kwayo.
Emva kwezi ziganeko, umnini wezinja uzikhanyele, esithi azinakuphuma kwindawo yakhe ebiyelweyo. Amalungu oluntu ayiphikisile loo ngxelo, yaye amapolisa kunye neSPCA bathathe ezo nja bazisusa kuloo ndawo.
Eli nina alikafaniswa, yaye amapolisa acela nabani na olahlekelwe sisalamane esinokuba besihamba kwindawo yaseStilfontein ukuba eze ngaphambili ukuze ancede ekufaniseni umzimba.














