NguLulama kaSozathini
Uluntu lwaseGqeberha eMpuma Kapa lamkele isigwebo esinikwe indoda eneminyaka engama-36 ubudala, uMzwandile Mahambehlala, yiNkundla ePhakamileyo eGqeberha, emva kokufunyanwa enetyala lokubulala abantu abasibhozo kunye namanye amatyala anxulumene nokudubula okwenzeka kwaZakhele kweyoMqungu ka-2023.
UMahambehlala wafunyanwa enetyala kumatyala asibhozo okubulala, ityala elinye lokuzama ukubulala, kunye nokuba nemipu ngokungekho mthethweni. Esi sehlo sabangela ukubhubha kwabantu abasibhozo, logama abathathu balimala xa kudutyulwa kwitheko losuku lokuzalwa.
Inkundla ifumanise ukuba lo mhlaseli wasebenza nabanye ngenjongo efanayo, kwaye unobangela wolu hlaselo ubunxulumene nenzuzo kwishishini lezokhuseleko kunye nokunyanzelwa kwamashishini. Ubungqina bakhe bokuba usebenza kwezokhuseleko buphikisane nengxelo yakhe yangaphambili yokuba uneshishini lokuhlamba iimoto, nto leyo eyenze inkundla ingamthembi.
Emva kophando olunzulu lwamapolisa, wabanjwa ngeyoKwindla ka-2023 eWalmer apho wayezimele khona. Ngexesha lokugwetywa, inkundla iye yagxininisa ukuba ulwaphulo-mthetho lwakhe lwacwangciswa ngononophelo kwaye lwenziwa ngokungananzwa kobomi babantu.
Inkundla igwebe uMahambehlala isigwebo sobomi entolongweni kumatyala asibhozo okubulala, kwaye zonke izigwebo ziya kuhamba kunye, nto leyo ethetha ukuba uza kuchitha ubomi bakhe entolongweni. Kwakhona, ubhengezwe njengongafanelekanga ukuba abe nompu.
Amagosa enkundla atsho ukuba esi sigwebo sithumela umyalezo ocacileyo wokuba abo bathatha inxaxheba kulwaphulo-mthetho olunobundlobongela baza kujongana nesandla esomeleleyo somthetho.














