KU-GOMPO — 6 KweyeDwarha 2026—
Amaqela ezopolitiko aza kukhuphisana kuNyulo loRhulumente booMasipala ka-2026 kwiPhondo leMpuma-Kapa ahlanganisene KuGompo International Convention Centre, apho kuqhubeka khona umsitho wokutyikitywa kwe Khowudi yokuZiphatha kuNyulo elungiselelwe yiKomishoni yoNyulo eZimeleyo (IEC).
Lo msitho uhlanganise amaqela ezopolitiko aphuma kwiindawo ezahlukeneyo zePhondo leMpuma-Kapa, njengoko amaqela elungiselela ukhuphiswano lonyulo kwaye ezibophelela ekulandeleni imigaqo yokuziphatha efanelekileyo ngexesha lenkqubo yonyulo.
Oyena ndoqo kulo msitho ngu Gqirha Ongama Mtimka, onguMlawuli obambeleyo weRaymond Mhlaba Centre for Governance and Leadership kwiYunivesithi yaseNelson Mandela (Nelson Mandela University). UGqirha Mtimka kulindeleke ukuba athethe ngendima yamaqela ezopolitiko, iinkokeli kunye nabagqatswa ekugcineni uxolo, intlonipho nokuthembeka kwinkqubo yonyulo.
Ukutyikitywa kweKhowudi yokuZiphatha kuNyulo kuza kungqinwa nguCEO we-IEC, uMnu Sy Mamabolo, okhona kulo msitho njengoko iKomishoni iqinisekisa ukuzibophelela kwamaqela ezopolitiko ekulandeleni imithetho nemigaqo yonyulo.
IKhowudi yokuZiphatha ijolise ekukhuthazeni ukhuphiswano olukhululekileyo nolunobulungisa phakathi kwamaqela ezopolitiko, ngelixa ikhuthaza ukuba abathathi-nxaxheba kunyulo bahloniphe abanye, abavoti kunye namaziko olawulo lonyulo.
Ngokubakho kwamaqela ezopolitiko amaninzi kulo msitho, kugxininiswa ukubaluleka kokuba iphulo lonyulo kwiMpuma Koloni liqhutywe ngendlela enoxolo, enesidima nengaphazamisi amalungelo abavoti.
Icamagu News iza kuqhubeka nokulandelela lo msitho nokwazisa uluntu iindaba ezithe vetshe malunga nezinto eziphambili ezithethwayo kunye nezibophelelo zamaqela ezopolitiko phambi konyulo.














